1 Wathi *uNdikhoyo: “Yiya kuthenga ingqayi yodongwe kumbumbi. Hamba kunye neqela lamadoda amakhulu abantu, kunye neqela lamadoda amakhulu angababingeleli,
2 uye kuphuma ngesango ekuthiwa nguNgceba zeeNgqayi, eli lijonge kwintili kaBhen-hinom. Apho uzufike uvakalise udaba endikunika lona,
3 uthi: ‘Nina kumkani bakwaJuda, nani bantu baseJerusalem, lubekeleni iindlebe udaba lukaNdikhoyo. UNdikhoyo uSomandla-onke onguThixo kaSirayeli utsho ukuthi: Niyabona, le ndawo ndiza kuyihlisela intlekele eya kutsho zithi nzwii iindlebe zabantu bonke abaya kuyiva.
4 Loo nto ndiza kuyenza ngenxa yokuba abantu basuke bandifulathela, bayenza eyasemzini le ndawo ngokwenzela oothixo basemzini iziqhumiso – ndithetha oothixo abangabaziyo, bengevanga ngabo nangamanyange nkqu nangookumkani bakwaJuda. Le ndawo bayitsho yaba lijaja ligazi labantu abamsulwa,