4 Loo nto ndiza kuyenza ngenxa yokuba abantu basuke bandifulathela, bayenza eyasemzini le ndawo ngokwenzela oothixo basemzini iziqhumiso – ndithetha oothixo abangabaziyo, bengevanga ngabo nangamanyange nkqu nangookumkani bakwaJuda. Le ndawo bayitsho yaba lijaja ligazi labantu abamsulwa,
5 yaye bakhele uBhali izibingelelo, khon' ukuze apho benze amadini ngabantwana babo. Andizange ndibayalele njalo, kwaye andiyithethanga loo nto; andizange ndiyicinge nokuyicinga oku.
6 Ngoko ke liyeza ixesha xa le ndawo ingayi kuba sabizwa ngokuba yiTofeti okanye intili kaBhen-hinom, koko iya kubizwa ngokuba yiNtili yeNtshabalalo.
7 “ ‘Ndiza kuliqhekezela kule ndawo icebo labantu bakwaJuda nabaseJerusalem, ndibawise ngekrele phambi kweentshaba zabo ezizungula ubomi babo. Izidumbu zabo ziza kuba kukudla kweentaka kunye namarhamncwa.
8 Esi sixeko ndiya kusitsho sibe yinto ekhwankqisayo, into engumbono ongajongekiyo. Wonke ubani odlula kuso uya kothuka kakhulu, athi khumnqa ngenxa yezivubeko zaso.
9 Ndiza kubenza badle inyama yoonyana babo kunye neyeentombi zabo, elowo atye inyama yomnye ngexesha lentlupheko yabo nokuxinwa kwabo ziintshaba ezizungula ubomi babo.’
10 “Uze loo ngqayi uyiqhekeze apho ngaphambi kwaloo madoda ahamba kunye nawe,