29 Nina ke, ningandibeka tyala lini,inini nje xa ninonke abakreqileyo kum?”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
30 “Naxa ndabohlwayayo abantwana benu,abazanga baqeqesheke.Suka nababulala ngekrele *abashumayeli,banga baqwengwe ziingonyama.
31 Phulaphulani izwi likaNdikhoyo, nina besi sizukulwana!Ndiyintlango na kuni, maSirayeli,umhlaba osithokothoko sobumnyama?Ke kutheni ukuba abantu bam bathi:‘Siza kuhamba ngesiyibonayo.Siyabhadula; soze siphinde size kuwe!’
32 Ikhe izilibale iintsimbi zayo intombi?Yena umtshakazi ukhe awulibale umbhinqo wakhe?Kodwa bona abantu bam sele kukade bandilibalayo.
33 Hayi ke indlela orhaqaza ngayouleqeka emva kwezithandwa zakho!Sele unako ukufundisa nabafazi abangoongantweni.
34 Izambatho zakho zilijaja ligazi leendwayi nabantu abamsulwa,ingelilo kambe elezikrelemnqa ozibhaqe ziqhekeza.
35 Naxa kunjalo usathi: ‘Ndimsulwa;uNdikhoyo akasenawo umsindo ngakum.’Kodwa ke mna Ndikhoyo ndiza kukohlwayanaxa usithi akwenzanga sono.