4 Libekeleni iindlebe ilizwi *likaNdikhoyo,mzi kaYakobi, nani nonke zizwe zakwaSirayeli.
5 Utsho uNdikhoyo ukuthi:“Bubi buni abâbubonáyo kum ooyihlobade bandityeshele nje belandela *oothixo abangento,bade nabo babe zizinto ezingento?
6 Abazange babuze bathi:‘Uphi na lo Ndikhoyo owasikhupha kumhlaba waseJiputa,wasihambisa entlango kwilizwe elingumqwebedu lemiwewe;kwilizwe lembalela nesithokothoko sobumnyama,ilizwe ekungahambi bani kulo, kungekho namntu umiyo kulo?’
7 Ndanisa kumhlaba wendyebo,ukuze nixhamle iziqhamo nentlutha yawo.Koko nina nithe nakufika nawuxabhela umhlaba wam,nalitsho lanezothe ilifa endininike lona.
8 Ababingeleli ababuzanga bathi: ‘Uphi na uNdikhoyo?’Abaphathiswa-mthetho abandazanga,abelusi bandivukela,nabashumayeli bashumayela benefuthe likaBhali,balandela *oothixo abangancedi lutho.”
9 “Ngoko ke ndisanimangalela,”utsho umlomo *kaNdikhoyo.“Ndiya kumangalela kwanezizukulwana zenu.
10 Khanikhe niwele niye kwiziqithi zamaKiti,okanye nithumele iintlola eKedare,ziye kuqinisekisa ukuba yakha yakho na into enjengale.