7 Ndanisa kumhlaba wendyebo,ukuze nixhamle iziqhamo nentlutha yawo.Koko nina nithe nakufika nawuxabhela umhlaba wam,nalitsho lanezothe ilifa endininike lona.
8 Ababingeleli ababuzanga bathi: ‘Uphi na uNdikhoyo?’Abaphathiswa-mthetho abandazanga,abelusi bandivukela,nabashumayeli bashumayela benefuthe likaBhali,balandela *oothixo abangancedi lutho.”
9 “Ngoko ke ndisanimangalela,”utsho umlomo *kaNdikhoyo.“Ndiya kumangalela kwanezizukulwana zenu.
10 Khanikhe niwele niye kwiziqithi zamaKiti,okanye nithumele iintlola eKedare,ziye kuqinisekisa ukuba yakha yakho na into enjengale.
11 Lwakha lwakho phi na uhlanga olwananisa ngoothixo balo,noba bengengoothixo ngenene?Kodwa bona abantu bam balananisile iqhayiya labongenxa yezinto ezingenaluncedo!
12 Yothukani, mazulu, yile nto,nigubhe luloyiko, nithi khumnqa!”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
13 “Kaloku lintlantlu mbini ityala labantu bam:bandishiyile mna, mthombo wamanzi ampompozayo,bazimbela awabo amaqula –amaqula avuzayo ziintanda.”