10 Ndive abaninzi besebeza besithi:“Lunxunguphalo jikelele!Makamangalelwe, simse ngaphambili!”Nditsho nezihlobo zilindele ukutyibilika kwam,zithi: “Mhlawumbi angarhintyeleka,size simfumane, siziphindezele kuye.”
11 Kodwa yena uNdikhoyo ungakum;ligorha elomeleleyo.Abandisukelayo baza kukhubeka bangaphumeleli.Baza kudana, lingaze lilityalwe ihlazo labo.
12 Ndikhoyo Somandla-onke,wena uwavavanyayo amalungisa,uzigocagoce iintliziyo neengqondo zawo,mandikubone ukuziphindezela kwakho kubo,kuba kaloku umcimbi wam ndiwuphose kuwe.
13 Menzeleni ingoma uNdikhoyo, nimbonge,kuba nguye ohlangula ubomi babahlelelekileyokwigunya labantw' abagwenxa.
14 Unelishwa umhla endazalwa ngawo;mayingathamsanqeliswa imin' uma andizale ngayo.
15 Hayi, ilishwa laloo mntu wazisela ubawo iindaba ezamvuyisayo,esithi: “Uzel' inkwenkwe!”
16 Loo mntu ubenga angafana neziya dolophu uNdikhoyo wazidiliza engenanceba.Ubenga angeva kusitsho umkhulungwana ngentsasa,kuvakale nentlaba-mkhosi ukuqina kwemini.