7 “Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: ‘Emva koko amasalela asindileyo kubhubhani, nekrele, nendlala, ukumkani uZedekiya namaphakathi akhe kunye nabantu besi sixeko, ndiza kubanikela esandleni sokumkani uNebhukadenezare waseBhabheli nakwiintshaba ezifuna ukubabulala. Yena uza kubangena ngekrele, engenalusizi nanceba naluvelwano.’