1 Utsho *uNdikhoyo ukuthi: “Yiya ebhotwe lokumkani wakwaJuda, khona uthethe eli lizwi uthi:
2 ‘Libekele indlebe ilizwi likaNdikhoyo, kumkani ohleli esihlalweni sikaDavide – nditsho wena, namaphakathi akho, kwakunye nabantu abangena ngala masango.
3 Utsho uNdikhoyo ukuthi: Gwebani ngobulungisa, okhuthuzwayo nimsindise kubabandezeli. Abangeneleli neenkedama nabahlolokazi ze ningabaphathi kakubi okanye nibacinezele. Igazi elingenatyala malingaze liphalazwe kule ndawo.
4 Xa ke nithe nayenza ngocoselelo loo nto ndiniyalela yona, kuya kuhlala kubakho ookumkani esihlalweni sikaDavide. Abayi kuyeka ukungena ngamasango eli bhotwe bekhwele iinqwelo zamahashe kunye namahashe, bephahlwe ngamaphakathi nabantu babo.
5 Kodwa xa ningayithobeli le miyalelo, ndiyafunga, ndithi le ndawo niya kuyibona selingamanxiwa.’ ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.