11 Kaloku malunga noShalum unyana kaJosiya owaba ngukumkani endaweni kayise, noselemkile kule ndawo, uNdikhoyo utsho ukuthi: “Akayi kube abuye.
12 Uya kufela kuloo ndawo athinjelwe kuyo; akasobe abuye alibone eli lizwe.”
13 “Mawoo kulowo uzakhela ibhotwe ngeendlela zobuqhophololo,namagumbi aphezulu ngobumenemene,esetyenzelwa simahla ngamawabo,engawaniki mvuzo ngokubulaleka kwawo.
14 Uthi: ‘Ndozakhela ipomakazi lebhotweelinoobhazabhaza bamagumbi aphezulu abethwa ngumoya.’Ulakha lineefestile,aliqukumbele ngamaplanga omthi womsedare,alihombise ngembola.
15 Ngaba ukumkani ngukumkani ngokugqitha abanye ngokuzakhela ngomsedare?Uyihlo wayesidla asele.Wayelilungisa engenamkhethe,waza waba nempumelelo kwinto yonke.
16 Wayeyibonelela imeko yamahlwempu neembedlenge,waza kuyo yonke loo nto waba nempumelelo.Kunjalo ke ukwazana nam.”Lowo ngumlomo *kaNdikhoyo.
17 “Kodwa wena into ojonge kuyo ngomxhelo wonkekukufumana inzuzo ngobuqhophololo,ngokugwinta abantu abangenatyala,nokucinezela abantu bakho ubacudisa.”