26 Ndiza kukuthatha kunye nonyoko, ndiniphose kwilizwe lasemzini, nifele apho.”
27 Kaloku abasobe babuyele kwilizwe lakowabo abalilangazelelayo.
28 Kutheni uKoniya engodelekileyo, efana nengqayi etyumkileyo, into engafunwa bani? Kutheni selelahlwa ephoswa kwilizwe angalaziyo yena kunye nentsapho yakhe?
29 Mhlaba; mhlaba! O, hayi, lo mhlaba!Phulaphula! Nali ilizwi likaNdikhoyo!
30 Utsho uNdikhoyo ukuthi:“Lo mfo mbaleleni ekuthini ungongenanzala,into engayi kuba nankqubela lo gama isekhoyo.Nakwinzala yakhe akukho bani uya kuba nempumelelo,kungekho namnye oya kuhlala esihlalweni sikaDavide, alawule kwaJuda.”