4 Xa ke nithe nayenza ngocoselelo loo nto ndiniyalela yona, kuya kuhlala kubakho ookumkani esihlalweni sikaDavide. Abayi kuyeka ukungena ngamasango eli bhotwe bekhwele iinqwelo zamahashe kunye namahashe, bephahlwe ngamaphakathi nabantu babo.
5 Kodwa xa ningayithobeli le miyalelo, ndiyafunga, ndithi le ndawo niya kuyibona selingamanxiwa.’ ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
6 Kaloku, xa athetha ngebhotwe lokumkani wakwaJuda, utsho uNdikhoyo ukuthi:“Nakuba nje kum unjengeGiliyadinanjengencopho yeLebhanon,ndosuka ndikutsho ube ngumqwebedu wenkangala,ube ziidolophu ezingenabemi.
7 Ndikuthumela abatshabalalisiabofika elowo ephethe izikhali zakhe,bayigecele phantsi loo misedare iligugu lenu,bayiphose emlilweni.
8 “Abahambi abadlula kwesi sixeko bevela kwizizwe ngezizwe bobuzana, bathi: ‘Kwathini ukuze uNdikhoyo enze into enje kwesi sixeko singaka?’
9 “Ke kothiwa: ‘Kaloku bawutyeshela umnqophiso noNdikhoyo uThixo wabo, baqubuda koothixo bambi aba bantu, babakhonza.’ ”
10 Musani ukumlilela ukumkani ofileyo,ningazili kuba selengasekho,koko lilelani lowo uthinjwayo, nigixe,kuba kaloku yena akasobe abuye,engasobe abuye alibone ilizwe lokuzalwa kwakhe.