6 Kaloku, xa athetha ngebhotwe lokumkani wakwaJuda, utsho uNdikhoyo ukuthi:“Nakuba nje kum unjengeGiliyadinanjengencopho yeLebhanon,ndosuka ndikutsho ube ngumqwebedu wenkangala,ube ziidolophu ezingenabemi.
7 Ndikuthumela abatshabalalisiabofika elowo ephethe izikhali zakhe,bayigecele phantsi loo misedare iligugu lenu,bayiphose emlilweni.
8 “Abahambi abadlula kwesi sixeko bevela kwizizwe ngezizwe bobuzana, bathi: ‘Kwathini ukuze uNdikhoyo enze into enje kwesi sixeko singaka?’
9 “Ke kothiwa: ‘Kaloku bawutyeshela umnqophiso noNdikhoyo uThixo wabo, baqubuda koothixo bambi aba bantu, babakhonza.’ ”
10 Musani ukumlilela ukumkani ofileyo,ningazili kuba selengasekho,koko lilelani lowo uthinjwayo, nigixe,kuba kaloku yena akasobe abuye,engasobe abuye alibone ilizwe lokuzalwa kwakhe.
11 Kaloku malunga noShalum unyana kaJosiya owaba ngukumkani endaweni kayise, noselemkile kule ndawo, uNdikhoyo utsho ukuthi: “Akayi kube abuye.
12 Uya kufela kuloo ndawo athinjelwe kuyo; akasobe abuye alibone eli lizwe.”