1 “Mawoo kubo abelusi abatshabalalisa imihlambi yedlelo lam!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
2 Utsho ke ngoko uNdikhoyo onguThixo kaSirayeli kwabo belusi ukuthi: “Ngenxa yokuba imihlambi yam niyichithe nayithi saa, anayikhathalela, ndiza kunohlwaya ngenxa yobubi enibenzileyo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
3 “Amasalela omhlambi wam ndiya kuwaqokelela emazweni onke endawachitha-chithela kuwo, ndiwabuyisele edlelweni lawo, aqhame ande.
4 Abantu bam ndiza kubanika abelusi abaza kubalondoloza. Abayi kube babe naxhala nalunxunguphalo, kungayi kube sabakho bani ulahlekayo kwakhona.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
5 “Iyeza imihla,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “yokuba uDavide ndimvelisele kumnombo wakhe ihlumelo elililungisa: ukumkani oya kuphatha ngobulumko, enze okulungileyo nobulungisa kulo mhlaba.
6 Ngemihla yakhe baya kuhlala bengabasindileyo abantu bakwaJuda, nakwaSirayeli bahlale bekhuselekile. Igama aya kubizwa ngalo lelithi: ‘UNdikhoyo ububulungisa bethu.’ ”