11 “Kwa-abashumayeli nababingeleli abamhloneli uThixo;nasendlwini yam ndibhaqa amanyundululu.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
12 “Ngoko loo ndlela yabo iza kuba mtyibilizi,balahleke bawe emnyameni.Ndiza kubahlisela ishwangushangethuba lokohlwaywa kwabo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
13 “Kubashumayeli baseSamariya ndibone into emanyumnyezi:ndibone beshumayela ngoBhali,belahlekisa abantu bam amaSirayeli.
14 Kubashumayeli baseJerusalem ndibone eligqithileyo isikizi;bona ngabakrexezi abaphila ngokuxoka.Bakhuthaza abantu ekwenzeni ububi,kungabikho namnye uguqukayo kwinkohlakalo yakhe.Xa bebonke kum bafana nabantu baseSodom;abemi balapho bafana nabaseGomora.”
15 Ke naku akuthethayo uSomandla-onke uNdikhoyongokusingisele kubashumayeli baseJerusalem:“Ndiza kubanika ukutya okukrakrayo,ndibaseze amanzi anetyhefu,kuba abashumayeli baseJerusalem basasaze ukudela uThixo kulo lonke ilizwe.”
16 Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi:“Ze ningayiphulaphuli into ethethwa kuni ngaba bashumayeli;banithembisa ilize.Banixelela ngemibono yeentliziyo zabo,benganazisi okuphuma emlonyeni kaNdikhoyo.
17 Kwabalidelayo ilizwi lam basoloko besithi: ‘Makube luxolo kuni.’Kwabo baqaqadekileyo bathi: ‘Anisoze nihlelwe bububi.’ ”