14 Kubashumayeli baseJerusalem ndibone eligqithileyo isikizi;bona ngabakrexezi abaphila ngokuxoka.Bakhuthaza abantu ekwenzeni ububi,kungabikho namnye uguqukayo kwinkohlakalo yakhe.Xa bebonke kum bafana nabantu baseSodom;abemi balapho bafana nabaseGomora.”
15 Ke naku akuthethayo uSomandla-onke uNdikhoyongokusingisele kubashumayeli baseJerusalem:“Ndiza kubanika ukutya okukrakrayo,ndibaseze amanzi anetyhefu,kuba abashumayeli baseJerusalem basasaze ukudela uThixo kulo lonke ilizwe.”
16 Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi:“Ze ningayiphulaphuli into ethethwa kuni ngaba bashumayeli;banithembisa ilize.Banixelela ngemibono yeentliziyo zabo,benganazisi okuphuma emlonyeni kaNdikhoyo.
17 Kwabalidelayo ilizwi lam basoloko besithi: ‘Makube luxolo kuni.’Kwabo baqaqadekileyo bathi: ‘Anisoze nihlelwe bububi.’ ”
18 Ngubani na kubo olilungu legqugula likaNdikhoyo?Ingubani oluvayo noluqondayo udaba lwakhe?Ngaba ukho owakha waluphulaphula waluthathela ingqalelo?
19 Niyabona, kuphuma kuNdikhoyo ulophu,nditsho isaqhwithi esoyikekayoesivuthuza phezu kweentloko zabangendawo.
20 Lo msindo kaNdikhoyo awuyi kujika ade abe ukufezekisile oko akucebileyo entliziyweni yakhe.Kwimihla ezayo niya kuyiqonda kakuhle le ndawo.