16 Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi:“Ze ningayiphulaphuli into ethethwa kuni ngaba bashumayeli;banithembisa ilize.Banixelela ngemibono yeentliziyo zabo,benganazisi okuphuma emlonyeni kaNdikhoyo.
17 Kwabalidelayo ilizwi lam basoloko besithi: ‘Makube luxolo kuni.’Kwabo baqaqadekileyo bathi: ‘Anisoze nihlelwe bububi.’ ”
18 Ngubani na kubo olilungu legqugula likaNdikhoyo?Ingubani oluvayo noluqondayo udaba lwakhe?Ngaba ukho owakha waluphulaphula waluthathela ingqalelo?
19 Niyabona, kuphuma kuNdikhoyo ulophu,nditsho isaqhwithi esoyikekayoesivuthuza phezu kweentloko zabangendawo.
20 Lo msindo kaNdikhoyo awuyi kujika ade abe ukufezekisile oko akucebileyo entliziyweni yakhe.Kwimihla ezayo niya kuyiqonda kakuhle le ndawo.
21 Abathunywanga ndim aba bashumayeli,kodwa noko basuke bagijima.Zange ndithethe nabo,kodwa bona basuke bashumayela.
22 Ukuba bebekho kwigqugula lam ngebewavakalisa amazwi am endiwabhekisa ebantwini bam.Ngebebajikile kwiindlela zabo ezimbinakwizenzo zabo ezikhohlakeleyo.