22 Ukuba bebekho kwigqugula lam ngebewavakalisa amazwi am endiwabhekisa ebantwini bam.Ngebebajikile kwiindlela zabo ezimbinakwizenzo zabo ezikhohlakeleyo.
23 “NdinguThixo wakufuphi na?”utsho umlomo kaNdikhoyo,“ndingabi nguThixo wakude na?
24 Ikhona na indawo efihlakeleyo apho umntu angazimela khona ukuze ndingamboni?”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Asindim na lowo ukho ngokupheleleyo ezulwini nasemhlabeni?”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
25 “Ndiyivile into ethethwa ngâbo bashumayeli bashumayela ubuxoki egameni lam. Bathi: ‘Ndiphuphe iphupha! Ndiphuphe iphupha!’
26 Koda kube nini na iqhubeka le nto eyenziwa ngabashumayeli abashumayela ubuxoki, bevakalisa inkohliso yeengcinga zabo?
27 Bacinga ukuba la maphupha bawachazayo aya kwenza ukuba bandilibale abantu bam, baxele ooyise-mkhulu abândilibalayo banqula uBhali.
28 Umshumayeli ongumchazi-maphupha makatsho ukuba uchaza nje iphupha, kodwa lowo ushumayela evakalisa amazwi am makenjenjalo ngentembeko. Ufunani umququ engqoloweni?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.