35 “Nisoloko nibuza kubahlobo nakwizizalwane nisithi: ‘Impendulo kaNdikhoyo ithini? Uthini uNdikhoyo?’
36 Kambe maningabi sawasebenzisa amazwi athi: ‘Nalu udaba olundilisekileyo lukaNdikhoyo,’ kuba ilizwi lomntu ngamnye losuka libe ludaba olundilisekileyo lukaNdikhoyo kuye, abe ewagqwetha amazwi kaThixo onguThixo wethu ophilayo, uNdikhoyo uSomandla-onke.
37 Nibuza kubashumayeli nisithi: ‘Itheni impendulo kaNdikhoyo? Utheni uNdikhoyo?’
38 Ukuba nithi: ‘Nalu udaba olundilisekileyo lukaNdikhoyo,’ ndibe mna bendithe ze ningabi sawathetha amazwi athi: ‘Nalu udaba lukaNdikhoyo,’
39 ngako oko, niyabona, ndiza kunithatha ndiniphose kude lee kunye neso sixeko senu ndasinika ookhokho benu.
40 Ndonihlisela ihlazo elingenasiphelo nokuphoxeka okungasokuze kulibaleke.”