7 Ngoko ke nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Niyabona, kuza imihla apho abantu bangayi kubuya bathi xa befunga: ‘Ekho nje uNdikhoyo owakhulula amaSirayeli eJiputa.’
8 Ngaloo mihla baya kuthi: ‘Ekho nje uNdikhoyo owakhulula inzala yamaSirayeli kwilizwe langasentla nakuwo onke amazwe awabachitha-chitha kuwo, ukuze ahlale kwelakowawo ilizwe.’ ”
9 Nalu udaba malunga *nabashumayeli:Intliziyo yam ikhathazekile;amathambo am anengevane.Ngenxa *kaNdikhoyo namazwi akhe angcwelendifana nomntu onxilileyo oyotywe butywala.
10 Lizele ngabantu abakrexezayo ilizwe,libharhile ilizwe ngenxa yesiqalekiso sikaNdikhoyo,amadlelo asentlango axwebile.Bahamba iindlela ezigwenxa;bangamagorha okwenza okungalunganga.
11 “Kwa-abashumayeli nababingeleli abamhloneli uThixo;nasendlwini yam ndibhaqa amanyundululu.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
12 “Ngoko loo ndlela yabo iza kuba mtyibilizi,balahleke bawe emnyameni.Ndiza kubahlisela ishwangushangethuba lokohlwaywa kwabo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
13 “Kubashumayeli baseSamariya ndibone into emanyumnyezi:ndibone beshumayela ngoBhali,belahlekisa abantu bam amaSirayeli.