2 Enye ingobozi yayinamakhiwane amahle kunene, la avuthwa kuqala; enye inamakhiwane amabi kakhulu, angenakutyiwa.
3 *UNdikhoyo wathi kum: “Jeremiya, ubona ntoni na?”Mna ndithe: “Ndibona amakhiwane. Amahle mahle gqitha; amabi mabi mpela – zizinto ezingenako nokutyiwa oku.”
4 Livakele lisithi ke kum ilizwi likaNdikhoyo:
5 “Utsho ke uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: Abathinjwa bakwaJuda endabasusa kweli lizwe ndabasa kwelamaKaledi ndibafanisa nala makhiwane mahle.
6 Ndiya kuhlala ndibabonelela, ndibabuyisele kwalapha. Ndiya kubakha, ndingabachithi; ndiya kubamilisela, ndingabancothuli.
7 Ndobafaka intliziyo endiqondayo, bazi ukuba uNdikhoyo ndim. Baya kwandula ke ukuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo, kuba kaloku bobuyela kum ngomxhelo wabo wonke.
8 “Kodwa yena ukumkani wakwaJuda uZedekiya neziphathamandla zakhe, namasalela eJerusalem, nokuba alapha okanye aseJiputa, bona ndibafanisa nala makhiwane mabi, angenako nokutyiwa oku.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.