7 Ndobafaka intliziyo endiqondayo, bazi ukuba uNdikhoyo ndim. Baya kwandula ke ukuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo, kuba kaloku bobuyela kum ngomxhelo wabo wonke.
8 “Kodwa yena ukumkani wakwaJuda uZedekiya neziphathamandla zakhe, namasalela eJerusalem, nokuba alapha okanye aseJiputa, bona ndibafanisa nala makhiwane mabi, angenako nokutyiwa oku.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
9 “Ndiya kubatsho babe nomdintsi nezothe kulo lonke ilizwe. Baya kuba zizinto ezisisingcikivo, ezilihlazo nentlekisa, babe sisiqalekiso naphi na apho ndibachitha-chithela khona.
10 Ndiza kubahlisela ikrele nendlala nobhubhani, bade baphele nya kweli lizwe ndalinika bona nooyise-mkhulu.”