3 “Kwiminyaka engamashumi mabini anantathu ukuza kuthi ga ngoku, kususela kunyaka weshumi linantathu elawula ukumkani uJosiya unyana ka-Amon, ilizwi likaNdikhoyo lalisoloko lifika kum, ndibe nam ndiphindelela ukubhekisa kuni. Koko nina nisuke anahoya nto kwaphela.