8 “Ngoko ke, utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi: ‘Niyabona, ngenxa yokuba ningafunanga kundiva,
9 ndinibizela izizwe zonke zangasentla, kunye nesicaka sam ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. ‘Ndibathumela kweli lizwe nabemi balo nazo zonke iintlanga ezilingqongileyo. Ndiza kunitshabalalisa kuphele tu, ndinenze nibe ngumbono ombi, into enezothe, kube linxuwa kuni ngonaphakade.’
10 “Ndoyiphelisa loo ntswahla yemigcobo nemincili yabo, lingabi savakala izwi lomyeni nelomtshakazi. Sophela isandi selitye lokuguba, izibane zabo zicime.
11 Liya kutsho libe yinkangala ngamanxuwa lonke ilizwe, zize ezi zizwe zibe zizicaka zokumkani waseBhabheli iminyaka engamashumi asixhenxe.
12 “Emva kwaloo minyaka imashumi asixhenxe ke ukumkani waseBhabheli ndomohlwaya kunye nesizwe sakhe ngenxa yobugwenxa babo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Nelizwe lamaKaledi ndolenza libe yinkangala ngonaphakade.
13 Elo lizwe ndolihlisela zonke izinto endazithethayo – nditsho zonke ezibhaliweyo kuyo le ncwadi, ezo bezishunyayelwa nguJeremiya ngeentlanga zonke.
14 Kwa-amaBhabheli oba ngamakhoboka ezizwe ezininzi neekumkani ezinamandla. Ndiza kuwabuyekeza ngokwezenzo zawo nemisebenzi yawo.”