1 Ndafikelwa lilizwi livela *kuNdikhoyo, esaqala ukulawula uJoyakim, ukumkani wakwaJuda, unyana kaJosiya, lisithi:
2 “Utsho uNdikhoyo ukuthi: Yiya phaya eyadini yendlu kaNdikhoyo, ufike uthethe nabo bonke abantu beedolophu zakwaJuda abeze kunqulela endlwini kaNdikhoyo, ubaxelele konke endakuyalela kona, ungashiyi nento le.
3 Mhlawumbi bangeva aba bantu, elowo aguquke ayiyeke imikhwa yakhe emibi. Nam ke ndorhoxa ekubahliseleni intlekele njengoko besendigqibe ukwenjenjalo ngenxa yezenzo zabo ezimdaka.
4 “Yithi kubo: Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ukuba nineenkani, naza anawuthobela umyalelo endinimisele wona,
5 ningawahoyi namazwi ezicaka zam abashumayeli endiphindelele ukubathumela kuni naxa beningaphulaphuli kakade,
6 le ndlu ndoyenza ifane neShilo, nesi sixeko sitsho sibe yinto ekuqalekiswa ngayo phakathi kwezizwe zehlabathi.’ ”
7 Ababingeleli, nabashumayeli, kwakunye nabantu xa bebonke, bamva uJeremiya ewathetha la mazwi endlwini kaNdikhoyo.