3 Mhlawumbi bangeva aba bantu, elowo aguquke ayiyeke imikhwa yakhe emibi. Nam ke ndorhoxa ekubahliseleni intlekele njengoko besendigqibe ukwenjenjalo ngenxa yezenzo zabo ezimdaka.
4 “Yithi kubo: Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ukuba nineenkani, naza anawuthobela umyalelo endinimisele wona,
5 ningawahoyi namazwi ezicaka zam abashumayeli endiphindelele ukubathumela kuni naxa beningaphulaphuli kakade,
6 le ndlu ndoyenza ifane neShilo, nesi sixeko sitsho sibe yinto ekuqalekiswa ngayo phakathi kwezizwe zehlabathi.’ ”
7 Ababingeleli, nabashumayeli, kwakunye nabantu xa bebonke, bamva uJeremiya ewathetha la mazwi endlwini kaNdikhoyo.
8 Uthe nje akugqiba ukuthetha yonke loo nto kwakuthiwe aze ayithethe nguNdikhoyo, ababingeleli nabashumayeli, bekunye nabantu bonke, bamthi hlasi, bathi: “Uza kufa wena!
9 Kutheni ukuba ushumayele ngegama likaNdikhoyo uthi le ndlu iza kufana neShilo, esi sixeko sitshabalale sibe yinkangala ngamanxuwa, singahlalwa mntu?” Bamvingcela kuloo ndlu kaNdikhoyo uJeremiya bonke abantu.