1 Esaqala ukulawula uZedekiya, unyana kaJosiya ukumkani wakwaJuda, lavakala ilizwi kuJeremiya, livela *kuNdikhoyo, lisithi:
2 “Utshilo uNdikhoyo kum ukuthi: Zenzele iidyokhwe ezinezitrophu, enye uyithwale entanyeni,
3 ezinye uzithumele kookumkani base-Edom, eMowabhi, eAmon, eTire, naseSidon, uzithumela ngezi zigidimi zize apha eJerusalem kuZedekiya ukumkani wakwaJuda.
4 Ziyalele ukuba zixelele iinkosi zazo zithi: Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi:
5 ‘Lenziwe ndim ngamandla am amakhulu nengalo yam eyomeleleyo ihlabathi, nabantu abakulo, nezilwanyana ezikulo; ndaye ndilinika nabani na endifuna ukumnika lona.
6 Ke ngoko onke amazwe enikuwo ndiza kuwanikezela esandleni sikaNebhukadenezare, isicaka sam, ongukumkani waseBhabheli. Nditsho nezilwanyana ezi zasendle ziza kuba zezakhe.
7 Zonke izizwe ziza kuba phantsi kwakhe, nonyana wakhe, nomzukulwana wakhe, lide lifike ixesha lokuwa kwelo lizwe lakhe. Emva koko ke kuya kufika izizwe ngezizwe, zinookumkani bazo abanamagama, zimoyise.