13 “Hamba uye kuthi kuHananiya: Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ewe, uyaphule idyokhwe eyenziwe ngomthi, kodwa uza kufakwa eyentsimbi.’
14 Utsho uNdikhoyo onguSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Zonke ezi zizwe ndiza kuzithwalisa idyokhwe yentsimbi, zaye ziza kuba zizicaka zikakumkani uNebhukadenezare waseBhabheli. Ewe, uza kuthotyelwa nazizilwanyana zasendle uNebhukadenezare.’ ”
15 Emva koko umshumayeli uJeremiya wathi kumshumayeli uHananiya: “Jong' apha, Hananiya, akuthunywanga nguNdikhoyo konke wena, yaye aba bantu ubenza babambelele ebuxokini.
16 Utsho ke kuwe uNdikhoyo ukuthi: ‘Uyabona, ndiza kukususa wena phezu komhlaba. Ungekapheli lo nyaka, uza kufa wena, kuba ufundisa abantu ukukreqa kuNdikhoyo.’ ”
17 Wabhubha ngenyanga yesixhenxe kwakuloo nyaka umshumayeli uHananiya.