5 UJeremiya umshumayeli wamphendula umshumayeli uHananiya apho ngaphambi kwababingeleli nabantu bonke ababelapho endlwini kaNdikhoyo,
6 wenjenje: “Amen! Akwaba ngenene uNdikhoyo la mazwi entshumayelo yakho ebeya kuwafezekisa, ayibuyisele kule ndawo impahla yendlu yakhe, kunye nabo bonke abathinjwa abaseBhabheli!
7 Kambe ke, khawuve le nto ndiza kuyithetha apha phambi kwakho nangaphambi kwabo bonke aba bantu.
8 Abashumayeli bamandulo, ababekho ngaphambi kwethu, babeshumayela ngemfazwe nendlala nobhubhani, bethetha ngezizwe ezikude nezikumkani ezinamandla.
9 Umshumayeli ke obevakalisa uxolo ebecaca ukuba ungothunywe nguNdikhoyo ngenene xa izinto azishumayelayo zisenzeka.”
10 UHananiya wayixhiwula loo dyokhwe yayisentanyeni yomshumayeli uJeremiya, wayaphula,
11 wathetha apho ngaphambi kwabantu, wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi yena uza kwenjenje ukuyaphula idyokhwe ukumkani uNebhukadenezare ayithwalise izizwe zonke. Iza kwenzeka kwiminyaka emibini loo nto.” Umshumayeli uJeremiya ke usuke wemka.