17 utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi: “Bona ndiza kubahlisela ikrele, nendlala, nobhubhani. Ndobatsho bafane namakhiwane angenakutyiwa ngenxa yokuba mabi kwawo.
18 Ndobasukela ngekrele nendlala nobhubhani, ndibatsho babe nezothe kuzo zonke iintlanga ehlabathini. Boba sisiqalekiso, izinto ezinezothe ezisisigculelo nesingcikivo naphi na apho ndobagxothela khona.
19 Kaloku abawahoyanga amazwi endaphindelela ukuwathetha ngabashumayeli izicaka zam.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Kanti nina bathinjwa nani khange naphulaphula.
20 “Nina ke endanifudusayo eJerusalem ndanenza naba ngabathinjwa eBhabheli, liveni ilizwi likaNdikhoyo.
21 Ngokubhekiselele kuAhabhi unyana kaKolaya nakuZedekiya unyana kaMaseya abanishumayeza egameni lam bexoka utsho uNdikhoyo uSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: Bona ndiza kubanikela esandleni sikakumkani uNebhukadenezare waseBhabheli, ababulale apha ngaphambi kwenu.
22 Bonke abantu abasiwa ekuthinjweni eBhabheli, befuduswe eJerusalem, bothi xa befuna ukuqalekisa: ‘UNdikhoyo makakufanise noZedekiya noAhabhi abafakwa emlilweni behleli ngukumkani waseBhabheli.’
23 Kaloku benze isikizi kwaSirayeli: bona bakrexeza nabafazi babamelwane, bathetha egameni lam bexoka, bengathunywangwa ndim. Ndiyayazi loo nto mna, yaye ndilingqina layo.” Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.