1 “Xa indoda imalile umkayo,aze yena emke aye kwendela kwenye indoda,ngaba ingaphinda ibuyele kuye?Ngaba ilizwe lobe lingaxajelwanga ngokupheleleyo?Hayi bo! Ubhatyaze nezithandwa zakho ezininzi, Sirayeli,ukanti noko usafuna ukubuyela kum?”Lowo ngumlomo *kaNdikhoyo.
2 “Phakamisela amehlo akho ezincotsheni zeenduli;kuphi apho ungazanga wambathwe khona?Ubufudula uhlala ecaleni lendlela,ulindele izithandwa zakho,oku komArabhu ohleli entlango.Hayi bo, eli lizwe ulixabhele ngobubi bokuhenyuza kwakho.
3 Yiyo loo nto neemvula zanqanyulwayo nje;yiyo loo nto neyasentlakohlaza ingasaniyo nje.Akusenasazela oku kwehenyukazi;sewaphelelwa naziintloni.
4 “Ukanti kwawena usathi kum:‘Kaloku, tata, uyintandane yam kwasebutsheni bam.