12 Bhekisa emantla, ubhengeze olu daba, uthi:“ ‘Guquka, mkreqikazindini Sirayeli!’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.‘Andizi kuba sakukhangela ngobuso obusangeneyo,kuba ndinenceba.’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.Úthi: ‘Andiyi kuhlala ndiniqumbele.
13 Buvume nje kuphela wena ubugwenxa bakho,ngokuba umvukele uNdikhoyo uThixo wakho,wasuka wazandlalela abasemzini ngaphantsi kwemithi eyokozelayo,awalithobela ilizwi lam.’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
14 “Buyela kum, lusaphondini olukreqayo!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Ndim inkosi yenu. Ndiza kukhetha umntu abe mnye edolophini, babe babini kwisizwe ngasinye, ndinibuyisele kwaseZiyon,
15 ndinithumele abelusi abasenyongweni kum, banaluse ngolwazi nengqiqo.
16 Niya kuthi ke nakuba nandile naba baninzi ngaloo mihla,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “ningabi sathi: ‘Nantsi ityesi yomnqophiso.’ Ewe, ayiyi kuba sathi chapha nasezingcingeni zenu, ingakhunjulwa nokukhunjulwa oku, ingadingeki nokudingeka, ingaze ibuye yenziwe nokwenziwa.
17 “Ngaloo mihla kuya kuthiwa iJerusalem isisihlalo sokulawula sikaNdikhoyo, zonke iintlanga zibuthelane khona, zize kunqula igama likaNdikhoyo, zingabuye zihambe ngokokuqaqadeka kweentliziyo zazo ezikhohlakeleyo.
18 Ewe, ngaloo mihla indlu kaJuda iya kumanyana nendlu kaSirayeli, zisuke kunye ngasentla, ziye kutsho kumhlaba endawunika ooyihlo-mkhulu ukuze ube lilifa labo.”