15 ndinithumele abelusi abasenyongweni kum, banaluse ngolwazi nengqiqo.
16 Niya kuthi ke nakuba nandile naba baninzi ngaloo mihla,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “ningabi sathi: ‘Nantsi ityesi yomnqophiso.’ Ewe, ayiyi kuba sathi chapha nasezingcingeni zenu, ingakhunjulwa nokukhunjulwa oku, ingadingeki nokudingeka, ingaze ibuye yenziwe nokwenziwa.
17 “Ngaloo mihla kuya kuthiwa iJerusalem isisihlalo sokulawula sikaNdikhoyo, zonke iintlanga zibuthelane khona, zize kunqula igama likaNdikhoyo, zingabuye zihambe ngokokuqaqadeka kweentliziyo zazo ezikhohlakeleyo.
18 Ewe, ngaloo mihla indlu kaJuda iya kumanyana nendlu kaSirayeli, zisuke kunye ngasentla, ziye kutsho kumhlaba endawunika ooyihlo-mkhulu ukuze ube lilifa labo.”
19 “Ndandiba ndiza kukwenza unyana wam, Sirayeli,ndikwabele umhlaba onqwenelekayo,ilifa eliyokozelayo ukudlula eleentlanga zonke.Ewe, ndandiba ùza kuthi kum: ‘Tata;’ungaze ukutyeshele ukulandela ekhondweni lam.
20 Wena, Sirayeli, akukhange uthembeke kumoku komfazi ongathembekanga kumyeni wakhe.”Lowo ngumlomo *kaNdikhoyo.
21 Ewe, kuvakala ilizwi lihlokoma ezincotsheni zeenduli;sisililo nezitarhuziso zoonyana bakaSirayeli,kuba bâzenza gwenxa iindlela zabo,bamlibala uNdikhoyo uThixo wabo.