1 Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo, lisithi:
2 “Utsho uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Wabhale encwadini onke amazwi endiwathethileyo kuwe.
3 Kuba kaloku lifikile ixesha lokupheliswa kokuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli namaJuda. Ndiza kubabuyisela kumhlaba endawunika ooyise-mkhulu, babuye bawume kwakhona,’ utsho uNdikhoyo.”
4 Wenjenje ukuthetha uNdikhoyo, ebhekisa kumaSirayeli nakumaJuda:
5 “Utshilo uNdikhoyo ukuthi:‘Kuvakala isikhalo esibangwa lixhala.
6 Khawuthi xha, ukhe ucinge:yakha yazala kanene indoda?Kutheni ke le nto ndibona amadoda ebambe izinqe ngathi ngumfazi osikwa yinimba?Kutheni ematshekile nje?
7 Mawoo! Hayi ukuba nkulu kwaloo mini!Ayikho eyakha yafana nayo.Lixesha lembandezelo kwindlu kaYakobi,kodwa noko yosinda kuyo.’