1 Nguwo lo umlomo *kaNdikhoyo:“Ngelo xesha ndoba nguThixo wazo zonke izizwe zakwaSirayeli,zona zibe ngabantu bam.”
2 Ewe, utsho uNdikhoyo ukuthi:“Abantu abasinde kulo ikrele ndobenzela inceba entlango,ndiwanike ukuphumla amaSirayeli.”
3 UNdikhoyo wabonakala kwamandulo, wathi:“Sirayeli, ndikuthanda ngothando olungapheliyo;ndahlala ndikwenzela izibele.
4 Ndiza kubuya ndikuvuse, utsho wakheke, ntombindini Sirayeli!Uza kubuya ugaxele amagubu,ungenelele kumxhentso wabavuyayo.
5 Wobuya ulime iidiliya kweziya ntili zaseSamariya,olimayo axhamle iziqhamo zazo.
6 Kuza imini abaya kuthi abalindi bamemezebekwiinduli zakwaEfrayim,bathi: ‘Yizani sinyukele kwintaba iZiyon,siye kuNdikhoyo uThixo wethu.’ ”
7 Utsho uNdikhoyo ukuthi:“Dandulukani nivuye ngenxa kaYakobi;memelelani ngenxa yenjinga yezizwe,nitsholoze nithi:‘Basindise abantu bakho, Ndikhoyo,nditsho amasalela akwaSirayeli.’