10 “Liveni ilizwi likaNdikhoyo, nina zintlanga;libhengezeni nakwiziqithi ezikude, nithi:‘Lowo wawachitha-chithayo amaSirayeli wobuya awaqokelele,awaluse oku komalusi elind' umhlambi.’
11 Kaloku uNdikhoyo womkhulula uYakobi;amhlangule kwiintlanga ezinamandla kunaye.
12 Bobuya batsho ngentsholo ezindulini zeZiyon,bevuyiswa bububele bukaNdikhoyo;ewe, nditsho ingqolowa,newayini entsha,namafutha omnquma,neenkomo neegusha abaphe zona.Bochuma oku komhlaba onkcenkceshelwayo,bangabi saphinda baxhwaleke.
13 Iintombi zongqungqa, zigcobe,benjenjalo abafana kwanamadoda.Usizi lwabo ndoluguqula lube luvuyo;ndobathuthuzela bagcobe, bangabuyi babe buhlungu.
14 Ababingeleli bodikwa sisabelo sabo,abantu bam bahluthe yindyebo yezinto zam.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
15 Utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Kuvakala isikhalo esikrakra eRama.URakeli ulilela abantwana bakhe,engavumi ukuthuthuzeleka, kuba bengasekho.”
16 Utsho ke uNdikhoyo ukuthi:“Ngxe, yeka ukulila!Musa ukuba nyembezana.Inkxamleko yakho iza kuvuzwa.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Abantwana bakho bobuya kwilizwe lotshaba.