11 Kaloku uNdikhoyo womkhulula uYakobi;amhlangule kwiintlanga ezinamandla kunaye.
12 Bobuya batsho ngentsholo ezindulini zeZiyon,bevuyiswa bububele bukaNdikhoyo;ewe, nditsho ingqolowa,newayini entsha,namafutha omnquma,neenkomo neegusha abaphe zona.Bochuma oku komhlaba onkcenkceshelwayo,bangabi saphinda baxhwaleke.
13 Iintombi zongqungqa, zigcobe,benjenjalo abafana kwanamadoda.Usizi lwabo ndoluguqula lube luvuyo;ndobathuthuzela bagcobe, bangabuyi babe buhlungu.
14 Ababingeleli bodikwa sisabelo sabo,abantu bam bahluthe yindyebo yezinto zam.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
15 Utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Kuvakala isikhalo esikrakra eRama.URakeli ulilela abantwana bakhe,engavumi ukuthuthuzeleka, kuba bengasekho.”
16 Utsho ke uNdikhoyo ukuthi:“Ngxe, yeka ukulila!Musa ukuba nyembezana.Inkxamleko yakho iza kuvuzwa.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Abantwana bakho bobuya kwilizwe lotshaba.
17 Likho ithemba ngekamva lakho,”lowo ngumlomo kaNdikhoyo,“kuba abantwana bakho baza kubuyela kwelokuzalwa.