12 Bobuya batsho ngentsholo ezindulini zeZiyon,bevuyiswa bububele bukaNdikhoyo;ewe, nditsho ingqolowa,newayini entsha,namafutha omnquma,neenkomo neegusha abaphe zona.Bochuma oku komhlaba onkcenkceshelwayo,bangabi saphinda baxhwaleke.
13 Iintombi zongqungqa, zigcobe,benjenjalo abafana kwanamadoda.Usizi lwabo ndoluguqula lube luvuyo;ndobathuthuzela bagcobe, bangabuyi babe buhlungu.
14 Ababingeleli bodikwa sisabelo sabo,abantu bam bahluthe yindyebo yezinto zam.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
15 Utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Kuvakala isikhalo esikrakra eRama.URakeli ulilela abantwana bakhe,engavumi ukuthuthuzeleka, kuba bengasekho.”
16 Utsho ke uNdikhoyo ukuthi:“Ngxe, yeka ukulila!Musa ukuba nyembezana.Inkxamleko yakho iza kuvuzwa.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Abantwana bakho bobuya kwilizwe lotshaba.
17 Likho ithemba ngekamva lakho,”lowo ngumlomo kaNdikhoyo,“kuba abantwana bakho baza kubuyela kwelokuzalwa.
18 Ewe, ndimvile encwina uEfrayim, esithi:‘Undiqeqeshile ndatsho ndanjengethole eliqhelisiweyo.Ndibuyise, khon' ukuze ndibuyele kuwe,kuba nguwe, Ndikhoyo, uThixo wam.