23 Utsho uSomandla-onke, *uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: “Xa sele ndibahlangule ekuthinjweni, ndababuyisela kundalashe, baya kubuya bathethe la mazwi emhlabeni wakwaJuda nakwiidolophu zawo, bathi: ‘Mzindini wobulungisa, ntabandini engcwele, uNdikhoyo makakusikelele.’
24 Baya kuma ndawonye abantu bakwaJuda needolophu zakhona, belapho abalimi nabafuyi ababesoloko bejikeleza nempahla.
25 Ndobahlaziya abatyhafileyo, ndibondle abafa yindlala,
26 batsho bathi: ‘Khangela, besilele, savuka sihlaziyekile.’”
27 UNdikhoyo uthi: “Iyeza imihla yokuba isizwe sikaSirayeli nesikaJuda ndisitsho sinyakazele yinzala yabantu neyemfuyo.
28 Kanye njengoko ndingaphazamanga ukubancothula nokubadiliza nokubabhuqa nokubatshabalalisa nokubahlisela ishwangusha, ewe, ndiya kwenjenjalo ukwakha nokutyala.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
29 “Ngaloo mihla abakubuya bathi abantu: ‘Ooyise bâtya iidiliya ezikrwada, suka kwabuthelezi amazinyo abantwana.’