26 batsho bathi: ‘Khangela, besilele, savuka sihlaziyekile.’”
27 UNdikhoyo uthi: “Iyeza imihla yokuba isizwe sikaSirayeli nesikaJuda ndisitsho sinyakazele yinzala yabantu neyemfuyo.
28 Kanye njengoko ndingaphazamanga ukubancothula nokubadiliza nokubabhuqa nokubatshabalalisa nokubahlisela ishwangusha, ewe, ndiya kwenjenjalo ukwakha nokutyala.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
29 “Ngaloo mihla abakubuya bathi abantu: ‘Ooyise bâtya iidiliya ezikrwada, suka kwabuthelezi amazinyo abantwana.’
30 Umntu ngamnye uya kufa ngenxa yobugwenxa bakhe. Kuya kuthi lowo utya iidiliya ezimuncu, kube buthelezi awakhe amazinyo.”
31 Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Ewe, iyeza imihla yokuba ndenze umnqophiso omtsha nesizwe sakwaSirayeli nesakwaJuda.
32 Lo wona umnqophiso awuyi kufana nalowa ndawenzayo nookhokho babo mhla ndabathi chu ngesandla ndibakhupha eJiputa, mnqophiso lowo bangawugcinanga naxa ndandiyinkosi yabo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.