34 Abayi kuba safundisana ngam elowo umntakwabo, elowo ummelwane wakhe, besithi: ‘Mazini uNdikhoyo;’ kuba bonke baya kundazi ukususela koyena mncinane kuse koyena mkhulu. Ndobuxolela ubugwenxa babo, ndingabuye ndikukhumbule ukona kwabo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
35 NguNdikhoyo omisele ilanga ukuba likhanyise emini,ngokunjalo inyanga neenkwenkwezi ukuba zikhanyise ebusuku;ulozamazamisa ulwandle, agqume amaza;kuthiwa nguNdikhoyo uSomandla-onke igama lakhe.
36 Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:“Xa ingatshitshayo le mimiselo ndingabi sayibona,nesizukulwana sikaSirayeli singanqamka singabi saba ngabantu bam.”
37 Ewe, utsho uNdikhoyo ukuthi:“Mhla isibhakabhaka phezulu saba nokulinyaziswa,neziseko zomhlaba ngaphantsi zaba nokugocagocwa,kungelo thuba kuphela endingathi ndisibukule isizukulwana sikaSirayeli xa sisonke.”
38 Lo ngumlomo kaNdikhoyo: “Iyeza imihla yokuba esi sixeko sakhelwe uNdikhoyo ukusuka kwinqaba kaHananeli kuse kwiSango leKona.
39 Umda waso uya kusuka apho uye kuthi ga ngenduli iGarebhe, ujikele wenjenjeya ukuya eGowa.
40 Yonke loo ntili kulahlwa kuyo izinto ezifileyo namabibi, nawo onke amasimi angasentla kwentlambo iKedron, kuye kutsho kwikona yeSango lamaHashe ngasempuma, iya kuba yekhethelwe uNdikhoyo. Esi sixeko asiyi kubuye sidilizwe, sibhukuqwe.”