5 Wobuya ulime iidiliya kweziya ntili zaseSamariya,olimayo axhamle iziqhamo zazo.
6 Kuza imini abaya kuthi abalindi bamemezebekwiinduli zakwaEfrayim,bathi: ‘Yizani sinyukele kwintaba iZiyon,siye kuNdikhoyo uThixo wethu.’ ”
7 Utsho uNdikhoyo ukuthi:“Dandulukani nivuye ngenxa kaYakobi;memelelani ngenxa yenjinga yezizwe,nitsholoze nithi:‘Basindise abantu bakho, Ndikhoyo,nditsho amasalela akwaSirayeli.’
8 Nâbo ndibakhupha emantla,ndibaqokelela eziphelweni zehlabathi!Zilapho iimfama neziqhwala,abakhulelweyo nasebesindeka.Yoba nguMbo nomXesibe ukujong' ekhaya.
9 Bobuya belila begixa,ndibakhokele betarhuzisa,bahambe ngakwimilambo empompozayo,kwiindlela ezithe tye,bangabi sakhubeka.Suka ndanguyise kuSirayeli;uEfrayim wayinkulu yam!
10 “Liveni ilizwi likaNdikhoyo, nina zintlanga;libhengezeni nakwiziqithi ezikude, nithi:‘Lowo wawachitha-chithayo amaSirayeli wobuya awaqokelele,awaluse oku komalusi elind' umhlambi.’
11 Kaloku uNdikhoyo womkhulula uYakobi;amhlangule kwiintlanga ezinamandla kunaye.