1 Kunyaka weshumi ukumkani uZedekiya elawula kwaJuda, owawungunyaka weshumi elinesibhozo kulawula ukumkani uNebhukadenezare eBhabheli, lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo.
2 Ngelo xesha umkhosi wokumkani waseBhabheli wawuyingqingile iJerusalem, yena uJeremiya evalelwe eyadini yabalindi ebhotwe lakwaJuda.
3 Wayevalelwe entolongweni apho ngukumkani wakwaJuda uZedekiya, esithi: “Kutheni le nto ushumayela ngolu hlobo? Kaloku uthi: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Esi sixeko ndiza kusinikezela esandleni sokumkani waseBhabheli, ndimvumele asithimbe.
4 Ke yena uZedekiya ukumkani wakwaJuda naye akayi kusinda esandleni samaKaledi, koko wonikezelwa esandleni sokumkani waseBhabheli, babonane ngamehlo, bathethe ubuso ngobuso.
5 Ukumkani waseBhabheli womthatha uZedekiya, amse eBhabheli, apho aya kuhlala khona kude kufike ithuba lokuba ndimvele, lowo ngumlomo kaNdikhoyo. Nokuba ningade nilwe nomkhosi wamaKaledi anisayi kuphumelela.’ ”
6 UJeremiya wathi: “Livakele ilizwi likaNdikhoyo lisithi kum:
7 UHanameli, unyana kayihlokazi uShalum, uza kuza kuwe, athi: ‘Wuthenge umhlaba wam oseAnatoti. Kaloku nguwe isizalwana segazi esinelungelo lokukhulula loo mhlaba.’