27 “Khangela, mna ndinguNdikhoyo, uThixo woluntu luphela. Akukho nanye into enokundinqabela.
28 Nditsho ke ngoko mna Ndikhoyo ukuthi: Esi sixeko ndiza kusinikela esandleni samaKaledi nakukumkani waseBhabheli uNebhukadenezare, yena oya kusithimba.
29 Aza kusihlasela amaKaledi, asintumeke ngomlilo, sitshe pam kunye nezo zindlu zabantu abandixhokonxa ngokwenzela kuzo isiqhumiso sesithixo uBhali neminikelo ethululwayo isenzelwa thixo bambi.
30 AmaSirayeli namaJuda ayesenza ubugwenxa bodwa ukusukela kwasekusekweni kwawo; âhlala endixhokonxa ngemisebenzi yezandla zawo. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
31 Kwasekusekweni kwaso, kude kube ngoku, esi sixeko sandixhokonxa, sandivusela umsindo nengqumbo, kangangokuba kungokunje ndifuna sitshatyalaliswe siphele emehlweni am.
32 Ewe, amaSirayeli namaJuda andixhokonxile ngobugwenxa bawo; nditsho wona, ookumkani bawo, iziphathamandla, ababingeleli, abashumayeli, abantu bakwaJuda, nabemi baseJerusalem.
33 Bandifulathela nangona ndandiphindelela ukubafundisa; abavumanga ukuphulaphula nokuyamkela ingqeqesho.