31 Kwasekusekweni kwaso, kude kube ngoku, esi sixeko sandixhokonxa, sandivusela umsindo nengqumbo, kangangokuba kungokunje ndifuna sitshatyalaliswe siphele emehlweni am.
32 Ewe, amaSirayeli namaJuda andixhokonxile ngobugwenxa bawo; nditsho wona, ookumkani bawo, iziphathamandla, ababingeleli, abashumayeli, abantu bakwaJuda, nabemi baseJerusalem.
33 Bandifulathela nangona ndandiphindelela ukubafundisa; abavumanga ukuphulaphula nokuyamkela ingqeqesho.
34 Bade baxabhela nendlu ebizwa ngegama lam ngokuya kumisa kuyo ezo zithixo zabo zinezothe.
35 UBhali bamakhele amaqonga kulaa ntili iHinom, apho benzela khona uMoleki amadini ngoonyana neentombi zabo. Andizange ndithi mabenze amanyumnyezi anje; ayizange ifike nokufika kum ingcinga yokuba bangade benze isikizi elinje ukulukuhlela uJuda esonweni.”
36 “Nina nithi abantu besi sixeko baza kunikezelwa esandleni sokumkani waseBhabheli ngekrele nendlala nobhubhani. Ukanti nantsi into ethethwa nguNdikhoyo uThixo kaSirayeli ngabo:
37 ‘Ngenene, ndiza kubaqokelela kuzo zonke iindawo endabasarhaza kuzo ndinomsindo omkhulu nengqumbo engathethekiyo, ndibabuyisele kwakule ndawo, bahlale bekhuselekile,