15 “ ‘Ngaloo mihla, kanye ngelo thuba,ndovelisela uDavide ihlumelo elinobulungisa.Uya kuliphatha ngokuthe tye nangobulungisa ilizwe lonke.
16 Ngaloo mihla abantu bakwaJuda bohlala bengabasindileyo,nabemi baseJerusalem bohlala bekhuselekile.Igama eya kubizwa ngalo lelithi: “UNdikhoyo ubulungisa bethu.”’
17 “Ewe, uNdikhoyo uthi: ‘KwaDavide soze inqamke indoda yokulawula kwaSirayeli.
18 NakubaLevi bohlala bekho ababingeleli bokwenza amadini atshiswayo naweenkozo nemibingelelo.’ ”
19 Lavakala kuJeremiya ilizwi likaNdikhoyo, lisithi:
20 “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Xa ungatshitshayo umnqophiso wam wemini nobusuku, kungabikho mini nabusuku ngexesha elimisiweyo,
21 ungaphela nomnqophiso wam nesicaka sam uDavide, angabi naye umzukulwana oya kulawula esikhundleni sakhe, kwangokunjalo nomnqophiso wam nabaLevi wokuba bahlale bendikhonza.