2 “UNdikhoyo owenza ihlabathi walibumba walizinzisa, ogama linguNdikhoyo, utsho ukuthi:
3 ‘Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise izinto ezinkulu ezingenakugocagocwa, obukade ungaziqondi,
4-5 nditsho izinto ezimalunga nezindlu zesi sixeko nebhotwe lookumkani bakwaJuda ezadilizwayo, nezimalunga neengqumba zokulwa, namakrele amaKaledi anihlasele ngawo, aza azalisa ezi zindlu ngezidumbu zabantu endandizimisele ukubatshabalalisa ngenxa yomsindo wam ovuthayo xa ndandisifulathele esi sixeko ngenxa yobugwenxa baso obungaka. Ngokubhekiselele kwezi zinto utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi:
6 Ndosinyanga ndisiphilise esi sixeko, ndibathi jize ngoxolo nokhuseleko abemi baso.
7 Abantu bakwaJuda nabakwaSirayeli ndobakhulula ekuthinjweni, ndibamilisele njengangaphambili.
8 Ndobahlambulula ebugwenxeni babo bonke abandone ngabo, ndibaxolele amatyala abo nokundivukela kwabo.
9 Esi sixeko siya kuba ngumthombo wovuyo kum, ibhongo neqhayiya lam emehlweni eentlanga zonke zehlabathi xa zisiva ngezinto ezintle endizenzela sona, zitsho zothuke zinkwantye zakubona uxolo nentlala-kahle exhanyulwayo.’