1 Ngexesha ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli wayehlasela iJerusalem kunye needolophu eziyingqongileyo ngomkhosi wakhe wonke, encediswa zizikumkani zonke ezazingaphantsi kwakhe zezizwe ngezizwe awayezilawula, wafikelwa ludaba luvela *kuNdikhoyo uJeremiya. Lwafika lusithi:
2 “Utsho uNdikhoyo onguThixo kaSirayeli ukuthi: Yiya kuZedekiya ukumkani wakwaJuda, uthi kuye: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Esi sixeko ndiza kusinikela esandleni sokumkani waseBhabheli, yaye uza kusitshisa sibe luthuthu.
3 Nawe akuyi kuphuncula: uza kubanjwa unikezelwe kuye. Uza kumbona ngamehlo ukumkani waseBhabheli, nithethe ubuso ngobuso, uhambe uye eBhabheli.’
4 “Kambe ke, mhlekazi Zedekiya, kumkani wakwaJuda, live neli lizwi likaNdikhoyo. Utsho kuwe uNdikhoyo ukuthi: ‘Wena Zedekiya akuyi kufa ngekrele;
5 uza kufa ngoxolo. Nanjengoko abantu babesenza isiqhumiso xa babengcwaba ooyihlo, nditsho ookumkani bamandulo, ngokunjalo naxa bangcwaba wena baza kwenza isiqhumiso. Nawe baza kukuzilela, bathi: “Mawoo, nkosi!” Uthethile uNdikhoyo. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.’ ”
6 Umshumayeli uJeremiya wawathetha ke onke la mazwi kukumkani uZedekiya wakwaJuda eJerusalem,