10 Bavuma bonke abantu kunye neziphathamandla ukuwakhulula onke amakhoboka, bangabi sawakhoboza abo bantu. Bawakhulula ke,
11 kodwa kamva babuye barhoxa kwizigqibo zabo, babanyanzela abo bantu ukuba babuyele kwasebukhobokeni.
12 Lavakala ke kuJeremiya ilizwi likaNdikhoyo lisithi:
13 “Utsho uNdikhoyo onguThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Ndênza umnqophiso kunye nookhokho benu mhla ndabakhupha eJiputa, ndabakhulula ebukhobokeni. Ndathi kubo:
14 “Qho ekupheleni kweminyaka esixhenxe kufuneka nikhulule wonke umwenu ongumHebhere ozithengise kuwe ithuba leminyaka emithandathu ekusebenzela.” Kodwa ookhokho benu abazanga bayihoye nokuyihoya loo nto ndayithethayo.
15 Kambe nina nizohlwayile, nandikholisa ngokuthi nonke nivume ukuwakhulula ebukhobokeni amawenu, nenza umnqophiso phambi kwam endlwini ebizwa ngegama lam.
16 Kodwa ngoku nibuye nasityeshela eso sigqibo, nalinyelisa igama lam ngokubuya nibanyanzele nibenze amakhoboka abantu ebenisele nabakhulula baye apho bathanda ukuya khona.’