4 “Kambe ke, mhlekazi Zedekiya, kumkani wakwaJuda, live neli lizwi likaNdikhoyo. Utsho kuwe uNdikhoyo ukuthi: ‘Wena Zedekiya akuyi kufa ngekrele;
5 uza kufa ngoxolo. Nanjengoko abantu babesenza isiqhumiso xa babengcwaba ooyihlo, nditsho ookumkani bamandulo, ngokunjalo naxa bangcwaba wena baza kwenza isiqhumiso. Nawe baza kukuzilela, bathi: “Mawoo, nkosi!” Uthethile uNdikhoyo. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.’ ”
6 Umshumayeli uJeremiya wawathetha ke onke la mazwi kukumkani uZedekiya wakwaJuda eJerusalem,
7 xa kanye umkhosi wokumkani waseBhabheli wawuhlasela eso sixeko kunye nezinye iidolophu ezazisaxhathisile, iLakishe neAzeka, kuphela kwezixeko zakwaJuda ezazinqatyisiwe ezasalayo.
8 Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo emva kokuba ukumkani uZedekiya wayenze umnqophiso nabantu baseJerusalem wokuba baza kwenza isibhengezo sokuwakhulula
9 amakhoboka angamaHebhere angamadoda nabafazi, khon' ukuze kungabikho mntu ungumJuda unekhoboka lomJuda.
10 Bavuma bonke abantu kunye neziphathamandla ukuwakhulula onke amakhoboka, bangabi sawakhoboza abo bantu. Bawakhulula ke,