Ujeremiya 35:13-19 XHO96

13 “Utsho uSomandla-onke onguThixo kaSirayeli ukuthi: Yiya kubantu bakwaJuda nabemi baseJerusalem uthi: ‘UNdikhoyo uthi: Yini na ukuba ningavumi ukuqeqeshwa niwathobele amazwi am? Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

14 UYonadabhi unyana kaRekabhi wayalela oonyana bakhe ukuba bangaseli iwayini, myalelo lowo bawugcinileyo. Unanamhla ke abayiseli iwayini, kuba bethobela umyalelo wookhokho babo. Kodwa mna ndiphindelele ukuthetha nani, kodwa anandithobela.

15 Ndithe rhoqo ukunithumela zonke izicaka zam *abashumayeli. Babesithi: “Guqukani ezindleleni zenu ezigwenxa, nilungise ihambo yenu. Musani ukulandela abanye oothixo nibanqule. Xa nisenjenjalo niya kuma kulo mhlaba ndawunika ookhokho benu.” Kodwa nina nisuke anahoya, anandithobela.

16 Isizukulwana sikaYonadabhi unyana kaRekabhi sona sawuthobela umyalelo wokhokho waso, kodwa nina, luhlangandini, anivumi ukundithobela!

17 “ ‘Ngoko ke mna Ndikhoyo, uThixo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, nditsho ukuthi: “Niyabona, uJuda nabo bonke abemi baseJerusalem ndibazisela yonke intlekele endabasongela ngayo. Ndabathethisa, kodwa àbandiphulaphula; ndabakhalimela, kodwa abasabela.” ’ ”

18 UJeremiya ke wabhekisa kumaRekabhi, wathi: “Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke, onguThixo kaSirayeli, ukuthi: Nina namthobela uyihlo-mkhulu uYonadabhi, nawugcina umthetho wakhe, nayenza yonke imiyalelo yakhe.

19 Ngoko ke mna Ndikhoyo onguSomandla-onke uThixo kaSirayeli ndithi: ‘UYonadabhi unyana kaRekabhi akayi kuze aswele ndoda yakundikhonza.’ ”